Ndixolele

Ndixolele

by Zandile Mamela Qinga
Ndixolele

Ndixolele

by Zandile Mamela Qinga

eBook

$3.99 

Available on Compatible NOOK Devices and the free NOOK Apps.
WANT A NOOK?  Explore Now

Related collections and offers

LEND ME® See Details

Overview

uNdixolele libali elingentwazana uNoluvuyo, owathi ngenye imini evela emsebenzini wadibana nexhego awathi walinceda lisengxakini.

Uthi xa evalelwe yimvula eyatsho ngamandla esendlwini yeli xhego, bafumana ixesha lokwazana, into leyo eyabenza babaliselana ngeziganeko ezithile ebomini babo. Kuye kuhlwe ke eselapho uNoluvuyo ngenxa yokukhululeka komphefumlo wakhe kwelo khaya. Uthi xa elungiselela ukugoduka, imvula isanqumamile. Kunkqonkqozwe emnyango.

Ukungena kwelo ndwendwe kwamothusa kakhulu uNoluvuyo, yanikezel’ ingqondo waf’ isiqaqa. Wothuka apho ixhego nendwendwe elo libhidekile ngulo mothuko ungaka. uNoluvuyo apho untywizisa iinyembezi ngokungazenzisiyo ziinkumbula ezibuhlungu ezaziquka indwendwe elo.

Okulandelayo kulo mzi, luvavanyo lweentliziyo zabo bangaphakathi, ukuba bakulungele na ukuxola, baxolele, ukuze bajongane namangomso ayakuthi ohluke kwizinto zakudala. Amangomso anokuthi kanti anoxolo nezinto ezimangalisayo ezingalindelekanga nezimnandi, zonke zisenziwa kukwenza isigqibo esinzima sokuxolela.


Product Details

BN ID: 2940155810742
Publisher: Zandile Mamela Qinga
Publication date: 09/13/2018
Sold by: Smashwords
Format: eBook
File size: 203 KB
Language: Xhosa

About the Author

Ndizalelwe kwilokishi yaseGugulethu eKapa, ndizalwa ndinomlingane owayefana ncimishi nam, ndiliwele, lona elingasaphiliyo namhlanje. Bonke ubomi bam bobuncinci ndade ndamdala ndibuphile neli wele singohlukani, wade wabhubha. Ndinabo noodade ababini, uVuyelwa noPinki. Ndifunde amabanga amancinci eKapa, izifundo eziphakamileyo zandibeka esinaleni eQoboqobo naseEastern Cape eUniversity yaseTranskei (UNITRA) ngeminyaka ye90's. Ndiphangele kwelo phondo ixeshana phambi kokuba ndibuyele eKapa. Ndinabantwana ababini, uNande noUnathi.

From the B&N Reads Blog

Customer Reviews